
ISIXHOSA

                            UKUBALULEKA KOLWIMI

Ulwimi yindlela yoqhagamshelwano yoluntu; yinqwelo yokunika intsingiselo.
Kuseyeyona nto, enyanisweni, eseyeyona ndlela efezekileyo yoqhagamshelwano
esithi njegabantu ibe sisenayo isesichengeni.

Ulwimi lwemveli linokuthi eneneni luthatyathwe "njengesikhumba sesibini":
yinto yendalo anayo nawuphi na umntu oqhelekileyo, kuba sisebenzisa ulwimi
ukudandalazisa iingcinga zethu, izinto zesiquehlo kunye namabhongo,
ukuphicotha amava ethu kunye nemithetho esilawulayo. Kungolwimi lwethu
esithi ngalo sicacise amathemba kunye neengcinga zethu.

Ukongeza, ulwimi luthabatha indawo ebalulekileyo kuluntu lwethu lwalemihla
yangoku intshintsha ngokukhwauleza okukhulu ekusincedeni ukufumana ukungena
ngokona kukhawuleza kulwazi lwalo naluphi na uhlobo olunokuqondwa.
  ------------------------------------------------------------------------

                             ICANDELO LEELWIMI

UMBONO

Icandelo Leelwimi lase-SABC linenjongo yokubonelela ngeyona nkonzo yenkxaso
ingcono yolwimi nobuchule iSABC kunye noluntu loMzantsi Afrika
ngokuphathelele kwiilwiimi ezisemthethweni zeli lizwe.

INGXELO YEZIMISELO

Icandelo Leelwimi lase-SABC, njengenkonzo yecandelo elikwiQumrhu:

Libonelela onke amacandelo aseSABC ngenkxaso eshwankathelweyo yolwimi
ngokulutolika, ukulihlela, ukucebisa nodliwano-ndlebe kunye nokuqhubela
phambili isigama.

Ukuncedisa iSABC ekulondolozeni nasekwaziseni imigangatho echanekileyo
yokusetyenziswa kolwimi kubo bonke abasasazi bayo.

Ibek' esweni usasazo ize inike ingxelo kuwo onke amacandelo afanelekileyo.

Ibonelela ngolwazi ngokwesicelo kuloo macandelo anenxenye ephathelele
kwezolwimi.


